Ndihamba kwimi cangcatho yenyawo zakho
Ndibhula umbethe othe walala mhla ubusuku beza nentseni
phezu kwama phupha akho
Ndikhupho dyakalashe, igusha ezithe zoyama ngamadomga
ezisekelo othe wena wazibeka mhla wawusekho
Ndihlwayela imbewu kwimiqolo
owaye wayivula iyivulela ikusasa lakho
Ndinyathela ngononophelo kulomhlaba ubuthathaka othe wena wakhetha ukumilisela kuwo ingcambu
zobuwena
Walakha kwedini madoks ikhaya lakho
Wathi wakugqiba wawuqamangela umlomo wakho ngezitsixo zovuyo
Wasingisa apho liphuma khona ukhozi njenge langa liyosithela
ezintabeni
Wayifihla intlungu obukuyo
Wanditshikilela ngomphambili wakho kuba ungafuni ndifumane amashwa aza nomva
wakho
Wayibhala incwadini nto kasukani ndingakhange ndilubone siba kwesakho isandla
Wamshiya umzila njengendoda elikronti kwelakwa xhosa usiko
Batsho bayiyizela abafazana
Oomakhulu bazijula ityali
Amadoda avakala
egqukrulekile ukuthi olunje ngawe baylifuna usana
Nditsho kwathatha esixekwekweni wanyikima mhla weva ukuba
inqwelo yokufa izile uzokuthatha
Nto leyo yandishiya nebuza ityobeka ukuzondibuza kuba ifuna
uzuza impendulo
Kwakutheni yamisela wena leqwelo yandishiya mna ndisa
mjogise phezulu owam umnwe ukumisa
Ngokuba ngoku ndinyathela lomhlaba wawumele umnyathele
Ndiyafakisa ngabla lwimi lethu esasisandula ukulisebenzisa
xa sasibhekisa kwelasemzini ulwimi
Ndiziva ingathi apha andinguye umi
Ngokuba kwakumele ibenguwe olapha umile
Nditsho ukuba wayibonda le mbiza ungayazi ukuba iyokususwa
ndim eziko
Ndijike ndiphake obona bomi wawubulwela ukubufumana
Kodwa nakancinci
ubungcamla
Mna mntu azange aqxhathalaze no xhathalaze buvele baziwela
kwesam isandla
Nyani obu bom abunantethelo
Kodwa ndiyakuthembisa
Ndizakuliphila eliphupha lakho ndilijule
esifubeni ndilinike ibelwe eliphumu bisi
lothando