Sunday 31 March 2013

Ndiphila iphupha


Ndihamba kwimi cangcatho yenyawo zakho

Ndibhula umbethe othe walala mhla ubusuku beza nentseni phezu kwama phupha akho

Ndikhupho dyakalashe, igusha ezithe zoyama ngamadomga ezisekelo othe wena wazibeka mhla wawusekho

Ndihlwayela imbewu  kwimiqolo owaye wayivula  iyivulela ikusasa lakho

Ndinyathela ngononophelo kulomhlaba ubuthathaka  othe wena wakhetha ukumilisela kuwo ingcambu zobuwena

Walakha kwedini madoks ikhaya lakho

Wathi wakugqiba wawuqamangela umlomo wakho ngezitsixo zovuyo

Wasingisa apho liphuma khona ukhozi njenge langa liyosithela ezintabeni

Wayifihla intlungu obukuyo

Wanditshikilela ngomphambili wakho  kuba ungafuni ndifumane amashwa aza nomva wakho

Wayibhala incwadini nto kasukani ndingakhange ndilubone  siba kwesakho isandla

Wamshiya umzila njengendoda elikronti kwelakwa xhosa usiko

Batsho bayiyizela abafazana

Oomakhulu bazijula ityali

 Amadoda avakala egqukrulekile ukuthi olunje ngawe baylifuna usana

Nditsho kwathatha esixekwekweni wanyikima mhla weva ukuba inqwelo yokufa izile uzokuthatha

Nto leyo yandishiya nebuza ityobeka ukuzondibuza kuba ifuna uzuza impendulo

Kwakutheni yamisela wena leqwelo yandishiya mna ndisa mjogise phezulu owam umnwe ukumisa

Ngokuba ngoku ndinyathela lomhlaba wawumele umnyathele

Ndiyafakisa ngabla lwimi lethu esasisandula ukulisebenzisa xa sasibhekisa kwelasemzini ulwimi

Ndiziva ingathi apha andinguye umi

Ngokuba kwakumele ibenguwe olapha  umile

Nditsho ukuba wayibonda le mbiza ungayazi ukuba iyokususwa ndim eziko

Ndijike ndiphake obona bomi wawubulwela ukubufumana

Kodwa nakancinci  ubungcamla

Mna mntu azange aqxhathalaze no xhathalaze buvele baziwela kwesam isandla

Nyani obu bom abunantethelo

Kodwa ndiyakuthembisa
Ndizakuliphila eliphupha lakho ndilijule esifubeni  ndilinike ibelwe eliphumu bisi lothando

No comments:

Post a Comment